Ingqina elaziwa ngokuba ngu Witness C kwikomishoni kaMadlanga, lizakubuyela ngoLwesine weveki ezayo kulekomishoni nanjengoko libhala iimviwo. Elingqina livele kulekomishoni ngelizokunika ubungqina ngendima yalo kwiphulo i-Gauteng Counter Intelligence Operations emva kokufakwa kwiqela eliphanda iziganeko zokubulawa kwabezopolitiko, iPKTT. UWitness C waafakwa kweliqela ukuncedisa kuphando lokubulawa kosomashishini wase Pitoli nongumfama uJerry Boshoga. Elingqina likwathethe ngezityholo zomkhambathi obandakanya uVusi Cat Matlala kwanokuba kungenzeka uyabandakanyeka kwisiganeko sokuxhwilwa kuka Boshoga.