



APHA - LEARNER CRASH
INTRO: Amapolisa ephondo iGauteng abambe umqhubi othutha abantwana besikolo oneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala, obandakanyeka kwingozi esube imiphefumlo yabafundi abalishumi elinesibini eVanderbijlpark izolo.

APHA - MCBRIDE-AD-HOC -PARLY
INTRO: Ikomiti yethutyana yasePalamente eqwalasela inkxalabo ngokhuseleko lesizwe, ive ngezityholo ezothusayo ngolwaphulo mthetho olungenelele kwicandelo lophando kwinkonzo yesipolisa.

ZIBUZWAKUTHI - MCBRIDE AD HOC
Uvela phambi kwekomiti yasepalamente yesikhawu eqwalasela iinkxalabo zokhuseleko, owayesakuba yintloko yecandelo lophando elizimeleyo i-IPID, uRobert McBride, ukuphendula kwizityholo ezinobuzaza. Amangqina amabini asele enikeze ubungqina phambi kwalekomiti uCedric Nkabinde kunye nowayesakuba ngumko…

ZIBUZWAKUTHI - SERIAL KILLER
Kudutyulwe kwabulawa indoda engummi wase Zimbabwe etyholwa ngokudlwengula abasetyhini ebarhwebeshe kwikhasi lonxibelelwano uFacebook, emva kokuzama ukuhlasela amapolisa ngemela kwilali yaseMbutho kuTsolo eMpuma Koloni. Kutyholwa ukuba lendoda ixhilwe owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesi…

ZIBUZWAKUTHI - NAPTOSA
Umbutho wootitshala iNAPTOSA umemelela kwisebe lezothutho kwakunye nelo lemfundo esisiseko ukuba lize nezisombululo ezikhawulezileyo kwinto abayichaza njengentlekele kwinkqubo yokuthuthwa kwabafundi. Oku kuza emva kwengozi emasikizi eyehle eVanderbijlpark eGauteng izolo, nalapho kubhubhe abantwana …

APHA - SANDF-IRAN ANALYSIS
Umphathiswa wesebe lomkhosi wokhuselo uAngie Motshekga, uyalele inkqubo yophando esungulweyo ukuba ikhangele kungani ingakhange ithotyelwe imiyalelo kamongameli uCyril Ramaphosa kwelisebe, yokuba lirhoxe ilizwe i-Iran kwiinkqubo zokuzilolonga eFalse Bay. UMotshekga uthi imiyalelo kamongameli igqith…

APHA - ZUMA MBEKI
Umbutho woMkhonto weSizwe uphume elubala ukhusela inkokeli yawo, uJacob Zuma. Oku kuza emva kokuba owayengu mongameli weli uThabo Mbeki, ngexesha esenza intetho kwinkomfa yephiko lamagqala omkhosi we ANC, uMkhonto weSizwe Liberation War Veterans (MKMLV), ebibanjelwe kwiphondo lase Freystata ngempel…

ZIBUZWAKUTHI - COGTA FLOODS
Umphathiswa wolawulo lwentsebenziswano kurhulumento uVelenkosini Hlabisa, usamkele isibhengezo semo yentlekele kazwelonke emva kwezikhukhula ezintlithe iphondo iLimpopo neMpumalanga. Esisibhengezo senziwe yintloko yeziko lokulawula iintlekele kuzwelonke uGqirha Elias Sithole, emva kokuba kuhlolwe u…

ZIBUZWAKUTHI - VIGILANTE
Igunyabantu lezotshutshiso kuzwelonke, lisamkele isigwebo ngakubantu abalishumi elinesihlanu abathathela umthetho ezandleni babulala amadoda amane awayengaxhobanga eDebe Nek kwiphondo Mpuma Koloni. Esi siganeko sehla ngo2022 emva kokudibana kwabahlali bayokukhupha la maxhoba kumakhaya awo bewatyhol…

ZIBUZWAKUTHI - GLOBAL ISSUES
Umphathiswa wezokhuseleko kweli u-Angie Motshekga, usungule inkqubo yophando malunga nokuzilolonga komkhosi wasemanzini eFalse Bay, eNtshona Koloni. Umphathiswa uthi usungula lenkqubo yophando ngenxa yobuzaza bezizityholo, kwanokufumanisa ukuba ingaba umyalelo kamongameli uCyril Ramaphosa, utyeshel…