

APHA - EC SHARK
Umasipala ombhaxa iBuffalo City ulumkise abahlali ngelithi bangaqubhi kwiilwandle i-Orient ne-Eastern beach, eMpuma Koloni. Lo masipala ukwathi abantu mabalumke naxa bequbha kwezinye iilwandle. Oku kulandela ukuhlaselwa kwendadi engowasetyhini oneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu ubudala …

ZIBUZWAKUTHI - TEMBE
Amangqina amatsha anike ubungqina kuphando lokubhubha kuka Anele Tembe owayeneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala, kwinkundla kamantyi eKapa.

ZIBUZWAKUTHI - MTBPS EXPECTATION
Abahlalutyi bathi umphathiswa wezemali u-Enoch Godongwana, kufuneka alungelelanise phakathi kwenkcitho nerhafu eqokelelweyo lo gama ezama ukucutha inkcitho kwanokulawula ityala likarhulumente, xa esenza ingxelo yohlahlo-lwabiwo lwaphakathi enyakeni epalamente ngomso.

ZIBUZWAKUTHI - BRONKHORSTSPRUIT
Abahlali base Bronkhorstspruit bayalunyukiswa ukuba bangasebenzi, bavase okanye basele amanzi aphuma kwiimpompo zabo zamanzi. Oku kuza emva kweengxelo zabantu ababalelwa kumakhulu amane anesibhozo, abaye balunywa sisisu emva kokusela amanzi eTshwane, nekuquka kubo abantwana abaneminyaka engaphantsi…

ZIBUZWAKUTHI - SIBIYA COURT
Limiselwe umhla wamashumi amabini anesine kwinyanga ezayo ityala lowayesakuba ngusekela mkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uLieutenant-General Shadrack Sibiya, khon' ukuze kuqhutywe nophando, emva kokuba inkundla kamantyi yase Randburg eRhawutini isalile isicelo sakhe sebheyile.

ZIBUZWAKUTHI - POLICE COURT
Kuvele amapolisa amabini abanjelwe ubuqhophololo nokuba ngumqobo endleleni yobulungisa, kwinkundla kamantyi yaseLimpopo. La mapolisa asebenza kwisikhululo senqwelomoya ePolokwane.

LAPHUMA - SAMORA
Usapho lwalowo wayengumomgameli waseMozambique, ongasekhoyo uSamora Machel luthi alukakufumani ukuxola, ngokusweleka kwakhe kwiminyaka engamashumi amane eyagqithayo. UMachel wasweleka ngethuba kusiwa inqwelomya awayekhwele kuyo eMbuzini eMpumalanga, ngakumda ongaseMozambique ngo 1986. Isikhumbuzo s…

LAPHUMA - TSHWANE OUTBREAK
Abahlali baseZithobeni, Bronkhorstspruit, Dark City, Rethabiseng nase Sokhulumi eTshwane bayabongozwa ukuba bangawaseli amanzi etepu kamasipala, kodwa bangawasebenzisa kwezinye izinto, emva kwenkxalabo yongcoliseko. Oku kulandela ukuchazwa kweziganeko ezingaphaya kwamakhulu amane zosuleleko sisifo …

LAPHUMA - BLACK WEDNESDAY 2026
Sixoxa ngenkxalabo ephakanyiswa liqonga labahleli beendaba eMzantsi Afrika iSANEF yokuhlaselwa kweentatheli ingakumbi njengokuba kujoliswe kunyulo loorhulumente basekhaya...

APHA - RAMAPHOSA
Umongameli uCyril Ramaphosa uthi urhulumente uqwalasela banzi ezinye iindlela zongenelelo ukukhusela abathengi kumaxabiso aphezulu amafutha ezithuthi. Ilitha enye ye petrol ixabisa amashumi amathathu eerandi(30 rand), kulandela ufunqu kumaxabiso amafutha ezithuthi ebutsheni bale nyanga. Kanti ke ku…