

APHA - TOPIC - JUSTICE AND PROTECTION UNDER LAW
INTRO: Njengoko ijelo leendaba iSABC News lisaqhuba nephulo lalo lokuqwalasela indima eyenziwe ngumgaqosiseko weli ogqibe iminyaka engamashumi amathathu ngomhla wesibhozo kuCanzibe kulo umiyo, elibizwa #30For30, namhlanje siqwalasela umxholo othi "Justice and Protection Under Law". Imixholo yeliphu…

APHA - MLEVE
INTRO: Amapolisa ephondo iMpuma Koloni, athi sele kumbovu ukuba kubanjwe abanye abarhanelwa ngokwayamene nokubulawa koceba we ANC kaward 27 eNelson Mandela Bay, uSicelo Mleve. Oku kuza emva kokubanjwa kwetyendyana elineminyaka engamashumi amabini ubudala. Lo mrhanelwa uvele kancinci kwinkundla kama…

ZIBUZWAKUTHI - WEEKLY WRAP
Siqukumbela iveki siqwalasela amanqaku ebephala phambili ezindabeni, naquka iinguqu ezenziwe nguMongameli uCyril Ramaphosa kwi cabinet nalapho sibone ukuchongwa phakathi kwabanye, kobefudula engumphathiswa wezonxibelelwano uDina Pule njengomphathiswa wophuhliso loluntu, imingcelele kazwelonke echas…

ZIBUZWAKUTHI - MADLANGA DAY 132
Namhlanje kwikomishoni kaMadlanga, uAdvocate Adila Hassim okhokela ubungqina, ucacise ngokuqulethwe kubungqina obuqokelelweyo ngakonqunyanyisiweyo njengesekela ntloko kwicandelo lezobuntlola kwezolwaphulomthetho, uFeroz Khan. Obubungqina buqulethe imiba enxumelene neziniki maxabiso, izityholo zokus…

ZIBUZWAKUTHI - NCATHA BRIEFING
Umkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uGeneral Vuyisile Ncata, ukhwebe indibano nabeendaba namhlanje ngelizokunika ingxelo ngezakutsha nje kwityala lokubulawa koceba wakwa Ward 27 uSicelo Mleve. UMleve waadutyulwa wabulawa ngomhla wamashumi amabini kwinyanga ephelileyo, ngethuba esentlanganisweni …

ZIBUZWAKUTHI - WC HOUSING JUDGMENT
Inkundla yomgaqo siseko inike urhulumente weNtshona Koloni iinyanga ezintathu ukuba aqulunqe imigaqo-nkqubo yezindlu ezifikelelekayo eKapa, emva kokuba eli phondo lisilele ukulungisa iziphene zexesha localulo. Oku kuza nanjengoko urhulumente wengcinezelo wayedudulela abantu abamnyama kwiilokishi uk…

LAPHUMA - ARRTO IMPLEMENTATION
Kumiliselwe ngokusesikweni ukusebenza komthetho otsala amanqaku kubaqhubi abophula umthetho wezendlela i-Administrative Adjudication of Road Traffic Offences, i-AARTO ngamafuphi, kwezinye iindawo zephondo iMpuma Koloni. Ngokwalomthetho abaqhubi behlelwa ngamanqaku rhoqo besophula umthetho wendlela…

APHA - ANC
Usosiba jikelele we ANC uFikile Mbalula, uphakamise ukuba kuziwe nesicwangciso selizwekazi i Afrika esingokungena nokuphuma kwabemi bamanye amazwe nesizakuthiwa taca kwimbumba yamazwe aseAfrika, ngelithi umiliselo mthetho kukodwa akunako ukuqubisana nale nyewe itshis'ibunzi. UMbalula ebethetha ne…

APHA - MABUYANE JUDGEMENTS
Inkundla ephakamileyo yesixeko saku Gompo, igwebe ngelithi, besingekho mthethweni isigqibo seYunivesithi iFort Hare, sokukhuphela ngaphandle kwizifundo ze Masters oyiNkulubaphathiswa yephondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ngelithi akafikeleli kwimiqathango yokwamkelwa, ukuze enze ezizifundo. Oku…

ZIBUZWAKUTHI - FORT HARE
Kulindeleke ukuba inkundla ephakamileyo kwisixeko saku Gompo eMpuma Koloni, iwise isigwebo kumba ophakathi kwenkulubaphathiswa yeliphondo uOscar Mabuyane, kwakunye neyunivesithi yase-Fort Hare. Elityala lingqamene nenyathelo likaMabuyane lokucela umngeni ngakwisigqibo sale yunivesithi sokumkhuphela…