Kulindeleke ukuba inkulubaphathiswa yephondo iMpuma Koloni yenze intetho yobume bephondo eBhisho ngomso. Oku kuza kanye ngethuba apho iMpuma Koloni ijongene nemingeni equka izinga eliphezulu lentswela-ngqesho, intlupheko, kwanolibaziseko kuthungelwano lweziseko ezingundoqo neziquka iindlela, ukufumaneka kwamanzi, imfundo, kwanenkqubo yokwakhiwa kwezindlu. UMabuyane uzakudakanca izicwangciso abanazo bengurhulumente ukuqubisana nale mingeni.