Kubhubhe abantu abathathu emva kokungquzulana kwezithuthi ezibini kwindlela uR67 phakathi kweVetlisi neMpofu eMpuma Koloni ngentsasa yanamhlanje. Othethela isebe lezothutho kweli phondo, u-Unathi Binqose uthi kugilene imoto eluhlobo lweSUV neSedan. Batshe babhubha abantu ababini ebebekhwele kwi SUV, ze kwasinda umntwana oneminyaka elishumi elinesithathu ubudala nothe waleqiselwa esibhedlele. Umqhubi weSedan naye ubhubhele kwindawo yexhwayelo. UBinqose ubongoze abaqhubi nabahambi ngendlela ukuba baqaphele ezindleleni kwaye bathobele imithetho yendlela. Eli sebe lithi uphezulu umthamo wezithuthi kuzo zonke iindlela ezinkulu zeli phondo nanjengoko abantu besingise kwiindawo abazakuchithela kuzo iPasika.