Umphathiswa wesebe lokhuseleko loluntu eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, ukwamkele ukufika kwamalungu omkhosi wokhuselo welo kweliphondo. La majoni azakutyalwa kwiindawo zephondo ezahlukileyo ukuqala namhlanje, kwilinge lokuncedisana namapolisa ukulwa ulwaphulomthetho oluqatseleyo. Othethela umphathiswa uMakhaya Komisa uthi, la majoni azakutyalwa kwiindawo ekugquba kuzo ulwaphulomthetho ezifana ne Gqeberha, Jeffrey's Bay kwakunye neHumansdorp.