Umfela-ndawonye wemanyano yabasebenzi i-SAFTU, unesiphakamiso sokuba uMzantsi Afrika ubambe ingqungquthela ngokukhawuleza, ezakuqubisana nomngeni wentswela-ngqesho kweli. Esi siphakamiso siza kanye emva kwengxelo yeenkcukacha-manani zekota yesibini kulo nyaka, nezibonisa ukuba umyinge wabantu abangaphangeliyo umi ku-33-point-two percent ekhulwini.