Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - ZERO TOLERANCE CORRUPTION BILL

View descriptionShare

Umbutho iActionSA, uphakamisa umthetho oyilwayo iZero Tolerance Corruption Bill, ozakuqubisana nemingeni ekhoyo kwezomthetho kwilinge lokulwa urhwaphilizo. Lo mbutho uthi amalungu karhulumente xa eqhubeka nokweba imali yelizwe, ayingorhulumente ova ulwamvila lobunzima koko luluntu. Uthi esinye sezizathu esibangela ukuba uyile lomthetho kungenxa yokuba sele iqhelekile into yokubuyekezwa kwaabo babandakanyekayo kurhwaphilizo endaweni yokuba bohlwaye kwaye bajongane nengalo yomthetho. Kwezinye izinto ojoliswe kuzo, ufuna kubekho iminyaka yesigwebo esisigxina ngakwabo bafunyaniswe bophule umthetho ingakumbi ukurhwaphiliza imali karhulumente ekufanele ukuba yenza izidingo zoluntu, kwaye kuqwalaselwe isigwebo sabo bazakuthi basilele ukuxela iziganeko zorhwaphilizo, abanolwazi kuba zisenzeka phambi kwabo. Ukuba lomthetho uyapasiswa, izakuba lolunye untshintsho olubaluleke kakhulu kwimbali yezigwebo zabantu aba bandakanyeka kurhwaphilizo kweli. Lo mthetho oyilwayo uphakanyiswe lilungu le ActionSA epalamente, uDereleen James. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,013 clip(s)