INTRO: Iveki yomhla wesibhozo ukuya koweshumi elinesine kwinyanga yoKwindla, kuqatshelwa isifo esibizwa ngokuba yi Glaucoma minyaka le. Le veki ibekelwe bucala ukuze kufundiswe uluntu ngokubaluleka kokuhlolwa kwamehlo nanjengoko ingumntu omnye kwabangamashumi amabini, abazaziyo ukuba bane Glaucoma. Kwingingqi yeSub-Saharan Afrika, kuqikelelwa ukuba ngumyinge weepesenti ezingu 4.16 wabantu abaphakathi kweminyaka engamashumi amane ubudala nangaphazelu abachatshazelwa sesisigulo, ingakumbi kubantu abamnyama xa kuthelekiswa nabantu abamhlophe.