Igunyabantu lotshutshiso kweli iNPA, likugxekile ukubulawa ngokumasikizi komtshutshisi wenkundla yenqila eGqeberha izolo. UTary Brown udutyulwe wabulawa ngamadoda amane axhobileyo phambi kwendlu yakhe ekunye nalawo athandana naye nomntwana oselula. Awukaziwa unobangela wokubulawa kwakhe. I-NPA ithi ukubulawa kuka Brown luhlaselo kwingalo yomthetho. Ukanti kuTshazimpuzi walo nyaka kwadutyulwa kwabulawa omnye umtshutshisi, uElona Sombulula eNgcobo kwalapha eMpuma Koloni.