(ELI NQAKU LINGABAPHAZAMISA ABO BANTLIZIYO ZIBUTHATHAKA, NABANTWANA)
Umkhwetha oneminyaka elishumi elinethoba ubudala wahlaselwa ngokumasikizi ngethuba ekwisikolo solwaluko eMqanduli ngenyenga yeSilimela. Ubudoda bakhe bachaphazeleka yaye oko kwabangela ukuba achame igazi. Eli krwala kuxelwa ukuba liyasokola ukuhamba kwaye lifuna ukuncedwa likwazi ukuhamba kwakho. Kusenjalo, bathandathu abakhwetha ababhubhe eMpuma Koloni kwi xesha lolwaluko lasebusika lwalo unyaka. Oku kubangelwe kukwanda kwezikolo zolwaluko zomgunyathi.