Kubonakele iyantlukwano phakathi kwegqugula le ANC kumasipala ombaxa ophantsi kolawulo lweANC iBUffalo City, eMpuma Koloni. Oku kuza emva kombhodamo oqhambuke kwindibano yebhunga lalomasipala ebibanjwe kusetyenziswa ubuxhaka-xhaka balemihla izolo. Oku kuza emva kwesiphakamiso sokuphelelwa lithemba ngakusodolophu walo masipala uPrinces Faku, esifakwe nguceba we ANC.