Ibhunga lophando lezolimo kuchazwa ukuba lilungiselela ukuqhuba umsebenzi wokukhupha nokudiliza kwindawo yaseBompini ngase Monti eMpuma Koloni namhlanje. Kuchazwa ukuba elibhunga lijolise ukudiliza izindlu zezitena ezingamakhulu amahlanu kunye namatyotyombe abalelwa kumakhulu amane. Eli nyathelo liza nangona umyalelo wenkundla wangaphambili wanika igunya elibhunga, kamva larhoxiswa, kwaye okwangoku lo mba wezomthetho awukasonjululwa enkundleni.