Kwinyanga yeKhala kunyaka ophelileyo, iEFF uthe thaca isiphakamiso somgaqo-nkqubo onyanzelisa uRhulumente, ukuba abaqeshe-ngqo abo adinga iinkonzo zabo mhla-nezolo abafana nabacoci (cleaners), abokhuseleko(securities) nokulungiswa kweziseko ezingundoqo (mantainance), phakathi kwamanye amacandelo (Insourcing bill) . Lomthetho ucetywayo i-EFF ithi ukhawulelana nezinye zezinto ekudala zikhalazelwa luluNtu, njengeziphene ezingumqobo kuhanjiso lweenkonzo zoluNtu kwaye zichaphazela nokuxhatshazwa emisebenzini. Sihleli nophuma kwi EFF uHlengiwe Mkhaliphi