I-ANC kulindeleke ukuba ibambe ingqungquthela yemibutho eyayisilwela inkululeko ekupheleni kwale veki. Le ngqungquthela iza kuzinyaswa ngumongameli uCyril Ramaphosa, owayefudula engumongameli uThabo Mbeki, kunye nowayesakuba ngumongameli waseMozambique uJoachim Chissano. Kule nkomfa kulindeleke ukuba kubekho amaqela afana neZanu PF yaseZimbabwe, iSwapo yaseNamibia neFrelimo yaseMozambique, phakathi kwamanye.