Nangona ziliqela iinzame ezenziweyo ukulwa impathombi ngokwesini ngamaphulo awohlukileyo, kodwa baseliqela abantu basetyhini ababulawa ngabo babathandayo. Amatshantliziyo emphathombi ngokwesini akholelwa ukuba ii-arhente zomiliselo mthetho nenkqubo yobulungisa yeli khange zenze ngokwaneleyo ukusiphula nengcambu iimpathombi esekelwe kwisini. Ngonyaka u2022 eMthatha kwiphondo iMpuma Koloni inina eliselula u Namhla Mtwa, waadutyulwa izihlandlo ezilithoba lahlanz'iselwa engena kwikhaya lakhe. Sele isisithuba esingaphezulu kweminyaka emithathu sukela kokugetyengwa kwalo wasetyhini, kodwa akukho bani owabanjwayo malunga noku