Umphathiswa wesebe lokuhlaliswa koluntu uThembi Simelane, uthi isebe lakhe likwinkqubo yokuhlola indawo ekufuduselwa kuyo iintsapho ezidilikelwe ngamakhaya ngenxa yezikhukhula eMthatha eMpuma Koloni. USimelane uqale utyelelo lweentsuku ezintathu eMpuma Koloni, apho kubhubhe abantu abangamashumi alithoba ze abaninzi bashiyeka bengenamakhaya ngenxa yezikhukhula. UMthatha yeyona ndawo ethwaxwe ngamandla zizikhukhula kweli phondo, kwaye ubhengezwe njengendawo yentlekele. USimelane uthi, ngumngeni ukufumana indawo yokugxumeka izindlu zethutyana, esithi ngokwangoku basaqwalasela iindawo ezimbini zabucala, nekungabekwa kuzo izakhiwo zethutyana, kwaye uthi inkampani ejongene nomgangatho wolwakhiwo, i-NHBRC, isahlola ezinye izakhiwo ezingadilikanga ngokupheleleyo. Sihleli nomphathiswa wesebe lokuhlaliswa koluntu uThembi Simelane.