Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

LAPHUMA- MEDICAL DISCRIMINATION

View descriptionShare

Aluxolanga uninzi lwabemi belilizwe ziziphumo zophando lwegqiza elizimeleyo, nebelijonga indlela ezisebenza ngayo iinkampani ezilawula izkim zonyango kweli, iimedical aids ngolwasemzini. Oluphando lufumanise ukuba ezinkampani zinetyala lokucalucalula ngokwebala. Lengxelo ithi abo babonelela ngeenkonzo zonyanga abantsundu, basemngciphekweni wokuphandwa bathiwe nkaaa ngomdliwo xa befaka amabango abo kwiinkampani zee medical aids. Ngo 2019 ibhunga lezonyango i-Council Medical Schemes, laasungula uphando emva kwezityholo zokuba ezinkampani ziyawankonya okanye ziwakhabe amabango angeniswa ngabo babonelela ngeenkonzo zempilo, ngenxa yebala labo. Umbutho wezonyango i-National Healthcare Professionals Association, uveze ukuba iziphumo zoluphando zibonisa ukucalulwa kwabo bantsundu xa befaka amabango abo. Umbutho wezonyanga kweli iSouth African Medical Association nawo wangenisa iinkcukacha kulomba, kodwa wavakalisa ukusilela kwenkqubo yothethwano noluntu ngelithi ayanelanga. Sihleli nosihlalo weSouth African Medical Association ugqirha Mvuyisi Mzukwa.....

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,016 clip(s)