Urhulumente wephondo iMpuma Koloni umemelele kubo bonke abathathi nxaxheba kuquka icandelo labucala nemibutho yoluntu, ukuba babambisane kwiinzame zokulwa ifuthe lendlala kuluntu lweliphondo. Urhulumente ukuthethe oku emva kweenkcukacha manani zakutsha nje ezibonisa ingxaki emandla nemingeni yoqoqosho kweliphondo. Ezinkcukacha manani zibonisa ukuba eliphondo linelona nani liphezulu labantu abaxhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente ngo 65.6- percent, kwaye likwindawo yesibini ngo 88.3- percent kubantwana abaxhomekeke kwisidlo sesikolo mihla le. Sihleli nothethela urhulumente wephondo leMpuma Koloni uKusela Rantjie....