Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - JORNALISM CORRUPTION

View descriptionShare

Iqonga labahleli loMzantsi Afrika (South African National Editors Forum), libongoza uluntu olunolwazi okanye ubungqina beenzame okanye ukunyotywa okubandakanya iintatheli luze ngaphambili. Eliqonga labahleli lithi lizikhaba ngawo omane iinzame zokunyoba iintatheli ekuzameni ukuguqula okanye ukuzinqanda ekwenzeni umsebenzi wazo. Oku kuza kanye emva kokuba ingqonyela enqunyanyisiweyo yakwa IDT uTebogo Malaka, kutyholwa ukuba ibizama ukunyoba intatheli yophando-nzulu yephephandaba iDaily Maverick, uPieter-Louis Myburg ngemali efikelela kumashumi amathandathu amawaka eerandi, ngebelizama ukumnqanda ekuqhubeni nophando lwakhe ngesivumelwano sakwa IDT nangenye yezindlu zikanokutsho zika Malaka. Kanti ayiko kokuqala kuvakala izityholo zokunyotywa kweentatheli eMzantsi Afrika, kuba ngonyaka ka 2019 kwavela iingxelo zokuba umphathiswa uGwede Mantashe wenza isityholo sokuba wanyoba iintatheli ezimbini zephephandaba iSunday World, nakubeni engazange akwazi ukusixhasa esisityholo ngethuba enyanzelwa yi-SANEF ukuba adize ezontatheli. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,016 clip(s)