trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.1,090 clip(s)
Loading playlist
Amasebe karhulumente ephondo iMpuma Koloni, adibene kwisixeko saKuGompo ukushukuxa nokuqulunqa izicwangciso zokumelana nobushushu obugqithisileyo ngenxa yesimo sezulu esibizwa iEl Niño, kwakunye neentlekele zendalo ezinokwenzeka ngenxa yobushushu obuqatseleyo. La masebe anenkxalabo yokuqina kwembalela, ingakumbi kwimimandla enembali yokoma kunye nomngcipheko wokuqhambuka kwezifo ngenxa yobushushu obumandla. Amagosa ohlangulo athi ezi meko zitshisa ngokugqithileyo, zagqityelwa kwelilizwe ngeminyaka yoo 1950, kwaye ababandakanyekayo ephondweni bakholelwa ukuba baziphawule ezona ndawo zinokuchaphazeleka ngamandla kweli phondo, njengesicwangciso sokuqubisana nale meko. Nantsi ingxelo ethe vetshe isiza noSidima Mfeku...




