

TRUNEWS @6 - "NKUSI IT Siyasebenza," an application developed to track down ghost workers
Kule veki kwinqaku lethu elijonga ubuchwepheshe, sijonga ukusungulwa kwe-Application encedisa urhulumente kunye necandelo labucala ekukhankanyeni nokusiphula neengcambu umkhwa wokuhlawulwa kwabasebenzi bomgunyathi, abakwiinkqubo zengqesho zamasebe kunye namaqumrhu karhulumenete, lento kuthiwa zii-G…

TRUNEWS @6 - Competition Commissions's Rural and Township Economy Project
Ikomishoni yokhuphiswano yoMzantsi Afrika, iCompetition Commission, ikhuphe ingxelo ngophando loqoqosho lwasezilalini nasezilokishini. Eyona ndawo ibigxile kuyo kuphando lwayo, lukhuphiswano phakathi kweevenkile ezikwezi ndawo. Umyinge wamashumi amane ekhulwini abantu beli bahlala ezilokishini, nto…

TRUNEWS @6 - The local economy contracted marginally in the second quarter of this year
Lwehle kancinci uhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika kwikota yesibini yalo nyaka. Iinkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, zibonisa ukuba imveliso yeli lizwe epheleleyo, iGDP ngamafuphi, yehle ngomyinge we-0.2 weepesenti kwikota yesibini yalo nyaka. Oku kuza emva kohlumo o…

TRUNEWS @6 - The ANC has missed the Candidate Nomination System deadline. What does this mean for the party?
Ikomishoni ezimeleyo yonyulo, i-IEC, iyigxininisile into yokuba ayizukuphinda ivule elinye ithuba lokuba imibutho ifake abagqatswa bayo, okanye abagqatswa abazimeleyo emva kwexesha ebelibekiwe. Ngo Mvulo, iANC ikhuphe imbalelwano echaza ukuba lo mbutho uye wajongana neengxaki zobuchwepheshe kwinkqu…

TRUNEWS @6 - The inquest looking into the death of Black Consciousness Movement Leader, Steve Biko, continues
Luyaqhuba uphando ngokusweleka kwenkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Biko, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha. UBiko wasweleka ngonyaka ka1977, emva kokubethwa ngokungenalusini ngethuba eselugcinweni lwamapolisa. Kwafumaniseka ukuba wonzakala entloko. Ingqina ebelisemkhumbini ngoway…

TRUNEWS @6 - Bail application of two men accused of the murder case of former two time boxing world champion, Zolani "Lastborn" Tete
Isicelo sebheyile sabarhanelwa ababini ababandakanyeka ekubulaweni kowayesakuba yintshatsheli yomdlalo wamanqindi kwihlabathi, uZolani "Lastborn" Tete, sihlehliselwe uLwesithathu wale veki. UTete, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwekhaya lakhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Ukuva banzi ngalo mba, u…

NEWS REVIEW| Exploring the psyche of a South African eligible voter.
Nanjengoko kusele isithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini phambi konyulo loomasipala kweli. Enkqubeni siye sancokola neengcali zonyulo nolawulo loomasipala, uMasoxole Booi kunye noThembelani Mazibuko besincedisa ukuba siphonononge sihlalutye ulwazi umvoti woMzantsi Afrika analo ngonyulo loomasip…

INTERCHANGE| Rotavirus awareness-know the signs of dehydration
Abazali kunye nabo bagcina abantwana, bayabongozwa ukuba baqaphele iimpawu zokungabinamanzi ngokwaneleyo emzimbeni kwabantwana, njengoko intsholongwane irotavirus ibangela inkxalabo kwelilizwe. Amagosa ezempilo anike ingxelo yokonyuka ngamandla kwabo bachaphazelekayo ePitoli, kwakunye nokubhubha ko…

TRUNEWS @6 - Pitso Mosimane officially unveiled as the Bafana Bafana head coach
Kule veki siyiqukumbelayo umbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSAFA, ibhengeze ngokusesikweni uPitso Mosemane njengomqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana. UMosemane ungena kwizihlangu zikaHugo Broos obengumqeqeshi weli qela iminyaka emihlanu, de walisa kwitumente…

TRUNEWS @6| At least two thousand candidates miss IEC deadline for local elections
Yimibutho engamashumi amane anesihlanu engakwazanga ukufaka abagqatswa bayo kwinkqubo yekomishoni yonyulo ezimeleyo. Oku kuthetha ukuba bangaphezulu kwamawaka amabini abagqatswa abangazokukwazi ukuthatha inxaxheba kunyulo lomasipala oluzayo. Eminye imibutho ithi yaye yafumana ubunzima ngosuku loku…