INTERCHANGE: The Mandela Bay Film Festival with its aim to drive sustainable creative careers and elevate African stories in NMB
I-arhente yophuhliso kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, izakusingatha umnyhadala wemidlalo yomboniso bhanya-bhanya kwimpela-veki ezayo. Injongo yalo mnyhadala ayiloqonga lokubonisa ngemidlalo yomboniso kuphela, kodwa ikwalithuba lokudibanisa amagcisa kweli candelo ukuba abelane ngolwazi, izakhono namava. Kuzakubanjwa ucweyo olwahlukileyo eKariega naseGqeberha, ze kuvalwe lo mnyhadala ngokuboniswa imidlalo yomboniso bhanya-bhanya eyahlukileyo neminye yayo ebandakanya abalingisi nabadidiyeli baseMpuma Koloni. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe no Oyama Vanto ophuma kwi arhente.....




