TRUNEWS @6| Eswatini's Citizen Economic Empowerment Act cracks down on foreign-owned businesses.

 

trufm Current Affairs

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
1,090 clip(s)
Loading playlist

Namhlanje xa sijonga kwimiba yamanye amazwe sifumene iingxelo eziphuma kubuKumkani base-Swatini ezithi iPalamente yela lizwe ipasise umthetho obizwa i-Citizen Economic Empowerment Act, nonyanzelisa ukuvalwa kwamashishini abemi bamazwe angaphandle, khon'ukuze aqhutywe ngabemi bela lizwe. Ukumiliselwa nokupasiswa kwalo mthetho kuza emva kwezikhalazo zoosomashishini bela lizwe abathi amashishini abemi bangaphandle kwela lizwe atya kwintsimi yabo, kwaye oku kubachaphazela kakubi, ingakumbi kwiivenkile zasekuhlaleni ezisemaphandleni. Izikhalazo ezikumila kunje ke mphulaphuli zikho nalapha eMzantsi Afrika kunye nase-Kenya. Ilizwe lasEswatini lelinye lamazwe akumazantsi e-Afrika ajamelene nemingeni yentswela-ngqesho, indlala nokungalingani. Ngoko lo mthetho ubonwa njengelinge lokukhawulelana nale mingeni. Ukufumana uhlalutyo ngoku, uAmanda Xhala uthethe nomhlalutyi wemiba yamazwe ngamazwe nomhlohli wezifundo zophuhliso kwiziko-mfundo laseMpumalanga, uGqirha Nsizwazonke Yende...