



ZIBUZWAKUTHI - GAU REAX
Umbutho wabahlali okwangunxantathu we ANC i-SANCO ugrogrisa ngokuyeka ukugayela inkxaso umbutho we ANC emva kohlengahlengiso lwe Cabinet luka-Lesufi... Ukusabela kwicala le ofisi yenkulubaphathiswa yase Gauteng, emnxebeni sibambe isithethi sorhulumente wephondo, uElijah Mhlanga...

ZIBUZWAKUTHI - GAU RESHUFFLE
Umbutho wabahlali iSANCO kwiphondo iGauteng umemelela ukuba alahle esikhundleni sakhe uPanyaza Lesufi emva kokuba enze uhlenga-hlengiso lwe Cabinet. Kwiveki ephelileyo uLesufi wenze utshintsho kwi Cabinet nalapho usihlalo we EFF kwiphondo uNkululeko Dunga ebekwe njengoMphathiswa omtsha wesebe lemal…

ZIBUZWAKUTHI - EC TRAFFIC
Linyuke layotsho kwishumi elinesixhenxe inani labantu ababhubhe kwiingozi zendlela ngale mpelaveki yepasika, kwiphondo iMpuma Koloni. Oku kusemva kokubhubha kwabantu abasixhenxe emva kokungquzulana kwesithuthi esincinci kunye nesigadla kwindlela uM17 phakathi kweMotherwell nakwaZakhele eGqeberha i…

LAPHUMA- CONTRALESA KILLINGS INQUIRY
Umbutho ojongene neenkokheli zemveli kweli i-CONTRALESA, umemelela ukuba kusekwe ikomishoni ezakuphanda ngokubulawa kweenkokheli zemveli eMzantsi Afrika. Oku kuza emva kokubulawa kwelungu lesigqeba esiphezulu seContralesa, uKosi Thugwana, eTweefontein kufutshane naKwaMhlanga. Amapolisa athi uThugwa…

LAPHUMA- PUBLIC PROTECTOR MAINTANANCE
I-ofisi yomkhuseli woluntu ithi izakuphanda izikhalazo ngomba wokulibaziseka kwenkqubo yokukhutshwa kwemali yesondlo sabantwana. Le ofisi ithi ifumene izikhalazo eziliqela ngokulibaziseka kwale nkqubo kwisebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqosiseko. Umkhuseli woluntu uthi uzakuqalisa inkqubo yophand…

IKHWEZI-MUNICIPAL AUDIT
Iphinde yasesithatheni imeko yemicimbi yoomasipala eMzantsi Afrika kulandela ingxelo yoMphicothi zincwadi ngethuba ebenika ingxelo yakhe epalamente. Umphicothi zincwadi uTsakane Maluleke kwingxelo yakhe udize ukuba oomasipala beli bachithe ngokungafanelekanga imali ebalelwa kwi 26 ye billion zeRand…

ZYK-LIVE BOOK REVIEW
Namhlanje isebe lenkcubeko nobugcisa libambisene neziko i-Buyel'embo Village lizakubamba ingxoxo yomanyano ngokwentlalo eGqebera kwiphondo leMpuma Koloni. ukanti nakulomsitho njalo kuzakube kuxovulwa ngencwadi esihloko sithi 'Unesiduko nje unetyala' ncwadi leyo ebhalwe nguNwabisa Gxothiwe. Lencwadi…

ZYK-LIVE YOUTH MONTH
Nanjengoko sikwinyanga yabantu abatsha, namhlanje sizakuncokola negqiyazana elingumgqatswa kwimbasa i- Founder of the Year Awards. USino Momo, nokhulele eBhayi, kwiphondo leMpuma Koloni, ngumvelisi wesiselo sakhe i- Wine i- Freedom Wines. Lentwazana ingusomashishini ozimeleyo, ikwathengisa namanzi …

ZYK-LIVE NMB COVID UPDATE
Usodolophu womasipala iNelson Mandela Bay uNqaba Bhanga ulumkise abahlali balomandla bazikhusele kubhubhane wentsholongwane i- COVID 19. Oku kuza emva kokuba kukhutshwe inkcukacha manani ngalobhubhane nezibonisa ukuba sele kubhubhe abantu abangamawaka amathathu kwesi sixeko ngulobhubhane susela uny…

APHA - UMXHOLO
Ilizwe loMzantsi Afrika lifumana umyinge wesibhozo ekhulwini wobutyebi kwizimbiwa. Ngokokutsho kweNational Association of Independent Miners - eli linemigodi engasetyenziswayo efikelela kumawaka amathandathu, nalapho abantu abaziwa njengo ZamaZama besomba kuyo ngokungekho mthethweni. Le yinto enobu…