Ilizwe loMzantsi Afrika lifumana umyinge wesibhozo ekhulwini wobutyebi kwizimbiwa. Ngokokutsho kweNational Association of Independent Miners - eli linemigodi engasetyenziswayo efikelela kumawaka amathandathu, nalapho abantu abaziwa njengo ZamaZama besomba kuyo ngokungekho mthethweni. Le yinto enobungozi kakhulu nanjengoko kusandula kufunyanwa imizimba yabantu engamashumi amabini ekukholelwa ukuba bomba imigodi ngokungekho mthethweni eOrkney kwiphondo loMntla Ntshona. Esi sesinye seziganeko eziliqela nalapho abantu besonzakala okanye baphulukane nobomi kwimigodi engasetyenziswayo.