Iqela i DA limemelele ukwenziwa kwenguqu emandla kwiinkqubo zoluleko eburhulumenteni, ukuqinisekisa ukuba aqosheliswa ngokukhawuleza amatyala abasebenzi ukonga imali karhulumente. Oku kusemva kwempendulo ebhaliweyo ebisuka kumphathiswa wesebe lezabasebenzi nengqesho uNomakhosazana Meth, nebhentsise ukuba yimali yabarhafi beli ebalelwa kwizigidi zeerandi echithwa ukuhlawula imivuzo epheleleyo yamagosa karhulumente anqunyanyiswa ixesha elide. Amatyala akutsha nje aquka elomkomishinala wengxowa mali yabangaphangeliyo uTeboho Maruping, ingqonyela ye arhente elawula imali yomhlala phantsi wabasebenzi bakarhulumente, kunye namagosa aphezulu enkonzo yesipolisa.