Abantu abangaphaya kwamashumi amahlanu bafulathele amakhaya abo beshiya amakhosikazi, abayeni, abantwana, nemisebenzi, bambi bayeka nokuthatha amachiza athomalalisa izigulo ukuze babeyinxalenye yebandla letyalike i-Ekhaya Labafundi bakaJehova, kwaMaphumulo eThekwini, KwaZulu Natal. Bathi bakwenza oku ukunikela impilo yabo ku-Yehova, baphume kwizinto zehlabathi. Amalungu aletyalike aphuma kwiindawo ezahlukileyo kweli, eyokuhlala kwisakhiwo saletyalike.