Ngabarhanelwa abasibhozo abangamadoda aphakathi kweminyaka elishumi elinesithandathu, namashumi amabini anesixhenxe ubudala, abanjwe ngamapolisa aKwaNobuhle eKariega, kwiphondo iMpuma Koloni, malunga nokubulawa kweentwazana ezimbini ezifikisayo. Esi siganeko sokubulawa ngokungenalusini kwala mantombazanana mabini ebesenza amabanga aphezulu, sishiye uluntu lwalo mmandla lumatshekile, kwaye lunoloyiko. Imizimba ka Ibanathi Peter noSinothando Malinga, ifunyenwe kwityholo elikufutshane. Kutyholwa ukuba badlwengulwe, ze imizimba yabo yatshiswa, nalapho omnye umzimba ungenakufaniseka. Abahlali bathi luxhaphakile ulwaphulomthetho kulo mmandla, kwaye bamemelela ukwenzelwa ubulungisa, nokukhuselwa ngamapolisa.