Kwingxelo efungelweyo kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini, uMongameli uCyril Ramaphosa, uthi akaphikisani nomyalelo wenkundla othi makathi gu bucala usihlalo okhokele uphando lwamatyala oxolelwaniso nenyaniso, ujaji Sisi Khampepe. URamaphosa ngummangalelwa kwisicelo senkundla sokuba kuphononongwe ukungafuni kuka Khampepe ukuthi gu bucala koluphando, esifakwe ngaabo babefudula bengoomongameli beli uThabo Mbeki no Jacob Zuma. URamaphosa uthi ukuba ebeye wayazi ukuba kukho izityholo ezibonisa ukuthatha icala kuka Khampepe, ngengazange amqeshe njengosihlalo woluphando.