Nakubeni ukuchitha imali ngokugqithisileyo ngexesha leziyunguma iyinto emnandi nje, iingcali kwimiba yezemali zilumkisa ngokuchaseneyo nokusetyenziswa kwemali ngokugqithisileyo kwizinto ongakhange ucwangcisele ukuyichitha kuzo. Qho ngale nyanga yoMnga, abantu basebenzisa imali kakhulu ukuzivisa kamnandi, ukuthenga ukutya okuninzi, iimpahla kwakunye nezipho. Oku kukhokelela ekubeni abantu basokole ukubhatala iintlawulo zesikolo zabantwana babo, imali yokukhwela kwabantwana ukuya esikolweni kwakunye nokubathengela iincwadi. Enye yeengcali ikholelwa ekubeni ukuqala ukugcina imali enyakeni yeyona ndlela ebalulekileyo ukuthintela ukungabi namali ngoJanyuwari.