Umbutho ozakuzela ukuziphatha kwamantombazana namakhwenkwe aselula obizwa Inkciyo wephondo iMpuma Koloni uthe gqolo ukukhula ngokwamanani. Lo mbutho uye wathiywa ngokutsha njenge Inkciyo South Africa emva kokuba unabele nakwamanye amaphondo. Lo mbutho ukhuthaza ukuziphatha ngendlela ephucukileyo kwamantombazana namakhwenkwe aselula, nalapho akhuthazwa ukuba angazibandakanyi kwezesondo, logama basaxhonkxelwa ubomi ukuze babe ngabantu abadala abanoxanduva.