Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

ZIBUZWA - EC XMAS BABIES

View descriptionShare

Isebe lezempilo kuzwelonke lithi bangaphezulu kwamakhulu asixhenxe  abantwana abathe babelekelwa kumaziko ezempilo oluntu phakathi ezinzulwini zobusuku kunye nasemva kwemini ngosuku lweKrisimesi. Usana lokuqala lweKrisimesi ka-2025 lwamkelwa kwisibhedlele sase-Elim eLimpopo ezinzulwini zobusuku. Iphondo laseGauteng libhalise awona manani aphezulu abantwana abathe bazalwa kumaphondo onke, abangamakhulu amabini aneshumi elinesixhenxe. Noxakunjalo, isebe lezempilo livakalise ukuxhalaba malunga nenani elithe gqolo linyuka labantwana abangamantombazana abaselula abathi bafumane abantwana. Kusenjalo, umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa uvakalise inkxalabo yakhe ngelithi basondele kumashumi amabini kwabangamashumi asixhenxe oomama abaselula kakhulu ngeminyaka, ababeleke ngosuku lweKrisimesi kweli phondo. Sihleli nesithethi sesebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSiyanda Manana...

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

  1. Umhlobo Wenene Current Affairs

    1,345 clip(s)

  2. SABC News Podcasts

    21,083 clip(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,734 clip(s)