Amawaka abantwana asemgciphekweni omkhulu wokufikelela kwiindlela ezahlukileyo ezinobungozi kwiqonga le internet, nanjengoko ubuchwepheshe butshintsha-tshintsha ngesantya esikhawulezayo xa kuthelekiswa nokulawulwa kwalamaqonga. Lho ibingumyalezo ovakaliswe kwindibano iG20 Social Summit, ebanjelwe eRhawutini, nalapho bekudibene iinkokheli zikarhulumente eziphuma kwihlabathi, iingcali, amaxhoba, abazali kuquka nabamele iimfuno zolutsha. Lendibano ibanjwa ngaphambi kokuqala kwengqungquthela yeG20, nalapho abo bebeyinxalenye benyanzelisa ukuzibophelela kwamazwe asele ephuhle kakhulu ngokwezoqoqosho. Bakwabongoza iinkokheli ze G20 ukuba ziqubisane nombhodamo wemo ntlalo nokuziphatha kwakunye nezoqoqosho ngokufanayo.