lngene kusuku lwesibini inkqubo yokuphulaphulwa kwezicelo zabo babesakuba ngoomongameli boMzantsi Afrika uThabo Mbeki, kwakunye no Jacob Zuma, kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. UZuma kunye noMbeki bathi abagungqi kwikhwelo labo lokuba uSisi Khampepe makathi gu bucala njengosihlalo kuphando lwamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelewaniso, i-TRC. Esisibini sibanga ngelithi indima yakhe yangaphambili, kuquka ukusebenza kwakhe njengomkomishinala we-TRC kunye nesikhundla sakhe njengosekela-mlawuli wegunyabantu lotshutshiso, kunokuchaphazela izigqibo zakhe kwezinkqubo. UMbeki ukwafuna umyalelo wenkundla onyanzelisa uMongameli uCyril Ramaphosa ukuba akurhoxise ukuqeshwa kukaKhampepe koluphando, kwaye abhengeze izigqibo ezithatyathwe kuphando njengezingekho mthethweni.