Umkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola, umile kubungqina bakhe abunike kwikomiti yethutyana yasePalamente kweyeDwarha kunyaka ophelileyo. Le komiti iqwalasela imiba echaphazela ukhuseleko lwesizwe. UMasemola uphinde wavakalisa ukuba akazange abandakanywe ngethuba kuthathwa isigqibo sokubhangisa iqela elikhethekileyo elalimiselwe ukuphanda iziganeko zokubulawa kwabantu ngokwayamene nepolitiki iPKTT, nokuba wayenentlanganiso nomongameli uCyril Ramaphosa ukuyokuxoxa ngenkxalabo anayo ngokubhangiswa kweliqela, kwanokuba wayengamazi otyholwa ngokuba ngungqondongqondo kwizenzo zolwaphulo mthetho, uVusimuzi "Cat" Matlala. Le komiti ikwinkqubo yokuqukumbela ingxelo yayo, ekumele inikezelwe ekupheleni kwale nyanga.