Imibutho emincinci yezopolitiko kungekudala inokuphulukana nendima yayo yokuba zi "Kingmakers" kwindibanisela yorhulumente basemakhaya, njengoko urhulumente esungula into ebizwa nge "minimum electoral threshold". Kwiinzame zokuzisa uzinzo kwindibanisela yemibutho yezopolitiko, abasemagunyeni baqwalasela izilungiso kumthetho olawula oorhulumente basemakhaya, onokuthi ufune ukuba amaqela aqinisekise ubuncinane i-1% yevoti kumasipala ukuze alungele ukumelwa ebhungeni. Esi siphakamiso siza phakathi kwenkxalabo ekhulayo yokungabikho kozinzo kulandela unyulo loorhulumente basemakhaya lonyaka ka-2021 eMzantsi Afrika, apho amabhunga aqhekeka kakhulu avumela amaqela amancinane ukuba asebenzise ifuthe lawo. UMphathiswa wentsebenziswano kurhulumento, uVelenkosini Hlabisa, ungqinile ukuba ezizilungiso ziyaqwalaselwa, phambi kokuba zidakancwe epalamente.