Umkomishinala uSandile Khumalo uvakalise inkxalabo ngezityholo zokusetyenziswa gwenxa kweziseko zikarhulumente, ngethuba lokubanjwa okwaphanzayo kwalowo waziwa kumakhasi onxibelelwano (entertainment blogger), uMusa Khawula. Ikomishoni ka Madlanga ive ngendlela amapolisa amathandathu athi athunyelwa ngayo kumsitho owawubanjwe eKroonstad eFrey'Stata ukuyakubamba uKhawula. Oku kwakungenxa yenkcukacha ezakhutshwa ngu Khawula kumakhasi onxibelelwano, ngonobhala jikelele we ANC uFikile Mbalula kwakunye nosomashishini uZe Nxumalo. Kuvele ukuba uNxumalo wathengela amapolisa amatikiti okungena kulo msitho ekwakulindeleke ukuba uKhawula awuzimase, kodwa afika engekho. Nangona kunjalo, olilungu lecandelo eliqubisana nolwaphulo mthetho olucetyiweyo uSajini Fannie Nkosi uyakukhaba ukuba kwasetyenziswa gwenxa iziseko zikarhulumente. USajini Nkosi uyaqhuba kwakho namhlanje ukunika ngobungqina.