Inkundla ephakamileyo eGqeberha eMpuma Koloni imamela inxalenye yokuqala yenkqubo yesibheno sombuso sokufunyaniswa kuka mfundisi Timothy Omotoso nesibini atyholwa naso bengenetyala, kumatyala aquka ukuxhwilwa nokudlwengula. KuTshazimpuzi walo nyaka, uJaji Irman Schoeman wagweba ngelithi umbuso awukwazanga ukuveza ngokungathandabuzekiyo ukuba uOmotoso unetyela.