Obambele njengomphathiswa wamapolisa, uFiroz Cachalia, uzakubamba iingxoxo nababandakanyekayo kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, njengenxalenye yeenzame zokulwa ulwaphulo mthetho olugqubayo kulo masipala. Oku kuza nanjengoko lo masipala ubukhe wajongana nengxaki yokubulawa kwabantu ngobuninzi ngenxa yamabango e-insurance, isinyanzelo semali yokhuseleko, kwanamaqela oonqevu.