USodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, uBabalwa Lobishe, ubambe inkomfa nonoondaba namhlanje, edakanca izicwangciso ngendlela oluzakuchithwa ngayo ulwabiwomali lwalo masipala, olubalelwa kwiibhiliyoni ezingamashumi amabini ananye zeerandi.