Iziko lokuvavanya amanzi kwiziko lemfundo ephakamileyo iRhodes eMakhanda, eMpuma Koloni, lifumanise ukuba kukho intsholongwane ebizwa Escherichia coli, i-Ecoli ngamafuphi, kwimimandla emibini eMakhanda, impompo yasendlini nakwisikolo samabanga aphantsi iSiyazama. Ngokoluphando, ukufumaniseka kwe-E.coli kubonakalisa ukungacoceki nokungakhuseleki kwalamanzi ukuba asetyenziselwe ukusela, kwaye kubeka iimpilo zabantu emngciphekweni. Kuqokelelwe iisampula zamanzi kwimimandla esixhenxe, ze kwafunyaniswa ukuba zonke azifikeleli kumgamgatho kazwelonke wamanzi alungele ukuselwa.