Usekela mkomishinala wamapolisa kuzwelonke onqunyanyisiweyo uGeneral Shadrack Sibiya, ukuphikile ukuba wayenolwazi ngokubakho kwelungu lomkhambathi wolwaphulo-mthetho uVusimuzi "Cat" Matlala, kumsitho wonyana wakhe kwinyanga yoMsintsi ngo-2024. Okhokela ubungqina kwikomishoni kaMadlanga uAdvocate Adila Hassim, uxina ngemibuzo uSibiya.