Umba wokubhaliswa kwezithuthi zika Vusumuzi "Cat" Matlala egameni lecandelo lamapolisa omasipala i-Ekurhuleni, kugxilwe ngamandla kuwo kwikomishoni ka Madlanga namhlanje. Okhokela ubungqina uMahlape Sello, uxine ngemibuzo obambele njengesekela eliyintloko esipoliseni umkoshinala uJulius Mkhwanazi, ngokuba kwenzeka njani ukuba izithuthi zika-Matlala zibhaliswe ngegama likamasipala nakuba kungazange kutyikitywe ncwadi yentsebenziswano naye. Izolo uMkhwanazi uvumile ukuba wayengenawo amagunya okuthatha isigqibo ngesivumelwano sentsebenziswano phakathi kwecandelo lamapolisa kamasipala kwakunye nenkampani iCAT VIP Services.