Iyaqhuba kwakho namhlanje ikomishoni kaMadlanga ephanda izityholo ezenziwe ngumkomishinala wamapolisa kwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi, ngongenelelo lwezopolitiko kwimiba yecandelo lezobulungisa. Ngamangqina amathathu ekulindeleke ukuba avele ekhusini phambi kwale komishoni kuleveki. Namhlanje ingqina elibizwa ngokuba ngu A liyaqhuba nokunika ngobungqina.