Ikomishoni ka-Madlanga iphakamise imibuzo ngendlela umkomishinala wamapolisa esixeko sase Tshwane alawula ngayo elicandelo. U-Faro unike ubungqina bokuba wayekwikhefu ngethuba kuqukunjelwa isivumelwano sentsebenziswano phakathi kwesixeko kwakunye nenkampani ebonelela ngeenkonzo zokhuseleko, i-El Shadai Security Services. Le nkampani iphakathi kwezo kutyholwa ukuba zafumana gwenxa isiniki maxabiso kwesisixeko.