Liyaqhuba kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha ezinze eLusikisiki ityala lamadoda amathandathu atyholwa ngokubulala abantu abalishumi elinesibhozo, kwilali iNgobozana, kwiphondo iMpuma Koloni. Umbuso unikezela ubungqina kwiinzame zokubonisa ukuba ababatyholwa baavuma ityala ngaphandle kokunyanzelwa, nanjengoko abanye babo babevakalise ukuba bangcungcuthekiswa bayanzeliswa ukuba bavume elityala.