Umphathiswa wesebe lempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa, usungula ngokusesikweni iziko elizakuncedisa abo basokolayo ukufumana abantwana ngendlela eqhelekileyo, i-In Vitro Fertilisation Clinic ngolwasemzini, kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha. Eliziko lizakuncedisa abantu ebebekade bengakwazi ukufikeleleka koluncedo lukhethekileyo khon'ukuze bafumane abantwana. Isibhedlele i-Nelson Mandela Academic sisibhedlele sesine kwizibhedlele zika wonke-wonke ezinikeza ngeenkonzo ze-IVF kweli loMzantsi Afrika. Esisibhedlele sinikeza ngeenkonzo zempilo ikakhulu kuluntu olukwimimandla yasezilalini kweliphondo, ukusukela ngo 2004 ukusungulwa kwaso.

APHA - SA LEARNERS VS FOREIGNERS PLACEMENT
27:28

APHA - SA-ISRAEL
09:54

ZIBZUWAKUTHI - MADLANGA DAY 50
05:14