Isebe lemfundo esisiseko iDepartment of Basic Education (DBE), lithi aziyonyani iingxelo ezithi kugcwele abafundi abangabantwana ababuya kumazwe angaphandle kwizikolo zeli. Lithi ngokweencukacha elinazo ngumyinge ka 1.8 ekhulwini kuphela wabafundi abaphuma kumazwe angaphandle, abafunda kwizikolo zeli nanjengoko umyinge ka 98.2 ekhulwini ingabafundi abaphuma kweli. Liqhuba lithi, iinkukacha eziqinisekisiweyo ziyakhabana neengxelo ezingeyonyani ezithe ndii zokuba abafundi babemi bangaphandle ngabo abalawula kwizikolo zeli nto leyo edala inkqubo yesebe lemfundo esisiseko ibephantsi koxinezelelo, kwaye lithi liyawabhebhetha liwanyevulela lamabango ngoba awanabunyani. I-DBE ikwathi makungasetyenziswa isebe lezemfundo njengento yokusithela kwiingxaki zemo ntlalo ezithe mbende ilizwe loMzantsi Afrika. Oku kuza nanjengoko oko kuqale unyaka wokufunda kukho imigushuzo yabazali abakhangelela abantwana izithuba zokufunda ezikolweni, nalapho abanye bebanga ngelithi abantwana babo abafumani zithuba ezikolweni, kuba kugcwele abafundi abasuka kwamanye amazwe. Isiganeko sakutshanje esisematheni seso sesikolo samabanga aphantsi iAddington Kwiphondo laKwaZulu Natal, nalapho umbutho woluntu iMarch and March uqale imigushuzo enyanzelisa ukuba ibengabantwana balapha abafumana izithuba kuqala, endaweni yokuba zinikwe abantwana bamanye amazwe. Lombutho ubambisene neminye yezopolitiko efana ne Operation Dudula kwakunye ne MK Party, ubuthe gqolo ukubamba imigushuzo ngaphandle kwesikolo sase Addington. Emva kwexesha umphathiswa wesebe lezemfundo KwaZulu Natal, uSipho Hlomuka, uyalele ukuba abafundi abangamashumi amabini, kwaba ngamashumi amabini anesithandathu babuyiselwe kwesisikolo. UHlomuka ukwathe ezi ziinzame zokulawula lombhodamo kwaye ayonto ezakwenzeka oko, esithi lemigushuzo iphenjelelwa lifuthe lezopolitiko.

ZIYAWOYIKA UMBETHE - BLACK HAWK FOUNDATION
04:21

ZIYAWOYIKA UMBETHE - BOOK REVIEW - THIS COUNTRY HATES OUR MEN
05:05

APHA - SA-ISRAEL
09:54