Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

ZIBUZWAKUTHI - FUNDING

View descriptionShare

Umbutho ongafumani nzuzo kurhulumente u-My Vote Counts, uthi uzakubhalela kumongameli uCyril Ramaphosa, ucele ukuba akhuphe zonke iinkcukacha ezipheleleyo ngezizathu zakhe zokutyikitya njengomthetho iinguqu kumthetho ojongene nokuxhaswa ngezimali kwemibutho yezopolitiko, ebutsheni bale nyanga. URamaphosa utyikitye umthetho owonyusa umyinge wenkxaso-mali emayidizwe ngamaqela ezopolitiko. Ngaphambili bekunyanzeleke ukuba amaqela adize inkxaso-mali ayifumanayo ukuqala kwikhulu lamawaka ee-randi kodwa ngoku lemali yenyuswe ukuyakutsho kumakhulu amabini amawaka eerandi ,nezigidi ezilishumi elinesihlanu ukuya kwezingamashumi amathathu eerandi.  

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,013 clip(s)